2 Yookumkani 23:6-16 Ibhayibhile (XHO96)

6. Intsika ka-Ashera wayincothula endlwini kaNdikhoyo, wayisa kwintili yeKedron ngaphandle kweJerusalem, wayitshisela khona. Wayisila yaluthuli, waza olo thuli lwayo walusarhaza phezu kwamangcwaba abantu.

7. Wawachitha amagumbi awayehlala amahenyu apho endlwini kaNdikhoyo, apho abafazi babezalukela khona iimpahla zika-Ashera.

8. UJosiya wabaqokelela bonke ababingeleli kwiidolophu zakwaJuda, waza wazibhangisa iindawo eziphakamileyo zonqulo, eqalela eGebha, wathi xhaxhe ngeBheshebha, ndawo ezo babeqhumisa kuzo ababingeleli abo. Wazidiliza izibingelelo emasangweni phaya, ekungeneni kwisango likaYoshuwa unolali elingasekhohlo kwisango lesixeko.

9. Nangona ababingeleli beendawo eziphakamileyo zonqulo babengasebenzi kwiqonga likaNdikhoyo eJerusalem, kodwa babesitya isonka esinganyuswanga kunye noogxa babo abangababingeleli.

10. UJosiya wayibhangisa iTofeti eyayikwintili yeBhen-hinom, ukuze ingabi sasetyenziselwa ukwenzela uMoleki amadini ngabantwana.

11. Apho esangweni elingena endlwini kaNdikhoyo wawasusa loo mahashe ayenikezelwe ngookumkani bakwaJuda elangeni. Ayesenkundleni ngakwigumbi legosa ekwakuthiwa nguNatan-meleki. Neenqwelo ezazinikezelwe kwilanga wazitshisa.

12. Wawadiliza amaqonga awayakhiwe ngookumkani bakwaJuda ngaphezu kwegumbi eliphezulu lika-Ahazi, kunye naloo maqonga wawakhayo uManase kwiinkundla zombini zendlu kaNdikhoyo. Ewe, wawasusa wawadiliza ayimvuthuluka yenkunkuma awayiphosa kwintili yeKedron.

13. Ke kaloku ukumkani wazixabhela neendawo eziphakamileyo zonqulo ezazikwimpuma yeJerusalem, ngezantsi kwenduli yomonakalo, ezo uSolomon ukumkani wamaSirayeli wayezakhele uAshtoreti isikizi lesithixokazi samaSidon, neendawo eziphakamileyo zonqulo zikaKemoshe, isikizi lesithixo samaMowabhi, nesikaMilikom isikizi lesithixo sama-Amon.

14. UJosiya wazaphula iintsika zamatye, waza wazigawula iintsika zika-Ashera, waza ezo ndawo zazo wazigquma ngamathambo abantu.

15. Walidiliza neqonga eliseBhetele, loo ndawo yonqulo yayenziwe nguJerobhowam unyana kaNebhati, lowo walukuhlela amaSirayeli esonweni, konke nje wakutshabalalisa, loo ndawo yonqulo wayitshisa wayisila yaluthuli, ngokunjalo nentsika ka-Ashera wayitshisa.

16. UJosiya wakhangela ngapha nangapha waza wabona amangcwaba awayelapho kwelo thambeka, wathi makakhutshwe kuwo amathambo, waza wawatshisela eqongeni ukulixabhela ngokwelizwi likaNdikhoyo elavakaliswa ngumfo wakwaThixo owazixelayo kwangaphambili ezo zinto.

2 Yookumkani 23