2 Yookumkani 2:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ngethuba lokuba *uNdikhoyo anyusele uEliya ezulwini ngesaqhwithi, uEliya noElisha babesendleleni evela eGiligali.

2. UEliya wathetha noElisha wathi: “Hlala apha wena, mna uNdikhoyo undithume eBhetele.”Kodwa yena uElisha wathi: “Ngenene, ngenene, ekho nje uNdikhoyo, nawe ukho nje, andiyi kwahlukana nawe.” Bahamba ke baya eBhetele.

3. Ke abashumayeli ababelapho eBhetele beza kuElisha, bathi kuye: “Uyaqonda nje ukuba uNdikhoyo uza kuyithatha le nkosi yakho namhlanje?”UElisha wathi: “Ewe, ndiyazi; kodwa ke musani ukuyiphatha loo ndawo!”

4. UEliya ke wathi kuElisha: “Hlala apha, mna uNdikhoyo undithume eJeriko.”UElisha wathi: “Ngenene, ngenene, ekho nje uNdikhoyo, nawe ukho nje, andiyi kwahlukana nawe.” Ngoko ke bahamba baya eJeriko.

5. Ke abashumayeli ababelapho eJeriko baya kuElisha, bathi kuye: “Uyaqonda nje ukuba uNdikhoyo uza kuyithatha le nkosi yakho namhlanje?”UElisha wathi: “Ewe, ndiyazi; kodwa ke musani ukuyiphatha loo ndawo!”

6. UEliya ke wathi kuElisha: “Hlala apha, mna uNdikhoyo undithume eJordan.”Ke yena wathi: “Ngenene, ngenene, ekho nje uNdikhoyo, nawe ukho nje, andiyi kwahlukana nawe!” Ngoko ke bahamba bobabini.

2 Yookumkani 2