1. Ke kaloku kwathi ngonyaka wesithathu kaHosheya unyana kaEla ukumkani wakwaSirayeli, uHezekiya unyana ka-Ahazi ukumkani wakwaJuda waqalisa ukulawula.
2. Ukuqalisa kwakhe ukulawula wayenamashumi amabini anesihlanu ezelwe, waza ke walawula eJerusalem amashumi amabini anethoba eminyaka. Unina yayinguAbhiya intombi kaZakariya.
3. WĂȘnza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo njengoyise-mkhulu uDavide.
4. Wazibhangisa iindawo eziphakamileyo zonqulo, wawaqhekeza amatye awodwa onqulo, wazigawula iintsika zika-Ashera. Wayikroboza inyoka yobhedu eyayenziwe nguMosis. Kaloku ukuza kuthi ga kwelo thuba amaSirayeli ayeyenzela iziqhumiso, kusithiwa nguNehushtani.