28. Ngenene ke bathatha omnye kubabingeleli ababethinjwe eSamariya, baya kumhlalisa eBhetele, wabafundisa ke abo bantu indlela anqulwa ngayo uNdikhoyo.
29. Naxa kunjalo kwezo dolophu uhlanga ngalunye kwezo dolophu zazikuzo ezo ntlanga lwazenzela oothixo balo, lwabamisa kwezo ndawo ziphakamileyo zonqulo zazenziwe ngabantu baseSamariya.
30. Ababevela eBhabheli bazenzela uSukoti-bhenoti, ababevela eKuta bazenzela uNergale, ababevela eHamati bazenzela uAshima,
31. ama-Avi wona azenzela uNibhasi noTartake; ke wona amaSefarvayim ayefaka abantwana bawo emlilweni, esenzela oothixo bawo uAdrameleki noAnameleki amadini.
32. Babemnqula yena uNdikhoyo, kodwa kananjalo bamisela abantu babo ukuze babe ngababingeleli kwiindawo zonqulo eziphakamileyo.