2 Yookumkani 11:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. UAtaliya unina ka-Ahaziya wathi akubona ukuba unyana wakhe ufile, wasuka wayitshabalalisa yonke indlu yakomkhulu.

2. Ke yena uYoshebha, intombi kakumkani uYehoram, engudade boAhaziya wasuka weba uYowashe unyana ka-Ahaziya, wemka naye apho phakathi kweenkosana ezaziza kubulawa, wamfihla neneni yakhe kwigumbi lokulala, emzimelisa kuAtaliya. Ngaloo ndlela ke wasinda ekufeni.

3. Wahlala ezinyeliswe naloo neni ke apho endlwini *kaNdikhoyo kwada kwayiminyaka emithandathu, xesha elo wayesalawula uAtaliya.

4. Ngonyaka wesixhenxe umbingeleli uJoyada wabiza iingqawyi-ngqwayi ezikhokela abalindi basebhotwe nababekomkhulu jikelele, waza wathi maziye endlwini kaThixo, zenze isifungo, zinqophisane ukumxhasa kwinto awayeyicebisa. Wazibonisa uYowashe unyana kakumkani uAhaziya.

5. Waziyala wathi: “Nina maqela mathathu asebenzayo *ngoMhla woPhumlo, iqela lokuqala loba sebhotwe,

6. elesibini libe kwisango iShure, lize elesithathu libe sesangweni elisemva kwabalindi abo babolekisana ngokulinda indlu kaThixo.

7. Ke nina bakumaqela amabini angadli ngokusebenza ngoMhla woPhumlo, niya kugada ukumkani endlwini kaThixo.

8. Ze nime ningqonge ukumkani, indoda nganye ixhobile. Nabani na othe cakatha makabulawe. Hlalani nikufuphi nokumkani naphi na apho aya khona.”

9. Iingqwayi-ngqwayi zamabutho lawo ke zenza njengoko zaziyalelwe ngumbingeleli uJoyada. Nganye kuzo yemka neqela layo, abo babesebenza *ngoMhla woPhumlo nabo babephumile emsebenzini, bonke baya kumbingeleli uJoyada.

10. Ke iingqwayi-ngqwayi zamaqela wazinika imikhonto namakhaka lawo awayengawokumkani uDavide egcinwe endlwini kaNdikhoyo.

2 Yookumkani 11