22. UYehu wathi kumgcini wegumbi lezambatho: “Bonke abanquli bakaBhali banike izambatho.” Weza nazo ke ezo zambatho.
23. Ke uYehu kunye noYonadabhi, unyana kaRekabhi, bangena apho esibingelelweni sikaBhali. UYehu wathetha nabanquli bakaBhali wathi: “Khangelani kungathi kanti apha kukho nezicaka zikaNdikhoyo; kuphela mayibe ngabo banqula uBhali.”
24. Bangena ke, benza iminikelo namadini atshiswayo. Ngoku ke uYehu wayemise amadoda angamashumi asibhozo ngaphandle, wathi: “Umntu okhe wabayeka baphuncula aba bantu ndininika bona, uya kubuyekeza ngobomi bakhe.”
25. Akugqiba ukwenza amadini atshiswayo uYehu wayalela abalindi namagosa, wathi: “Ngenani nibulale konke, kungasali nomnye.” Ngoko ke babanqumla bonke ngekrele. Abalindi namagosa lawo ayiphosa ngaphandle imizimba, wona angena kumagumbi angaphakathi eso sibingelelo sikaBhali.
26. Bazikhupha apho esibingelelweni sikaBhali iintsika ezingcwele, baza bazitshisa.
27. Balitshabalalisa ilitye likaBhali, basiqhaqha isibingelelo sakhe, satsho sayindawo ekuyiwa kuyo ngasese unanamhla.
28. Ngoko ke uYehu walubhangisa unqulo lukaBhali kwaSirayeli.
29. Kambe ke zange aziyeke izono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo wawalukuhlela kuzo amaSirayeli: inkonzo yethole legolide eBhetele nakwaDan.
30. UNdikhoyo wathi kuYehu: “Ngenxa yokuba wenze kakuhle kangaka, wandikholisa ngokwenza loo nto ndandizimisele kuyo mayela nendlu ka-Ahabhi, ngoko ke iya kude ibe sisizukulwana sakho sesine indlu yakho ilawula kwaSirayeli.”
31. Phofu ke yena uYehu lo zange akunonophele ukuwuthobela umthetho kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngomxhelo wakhe wonke. Zange azichase izono zikaJerobhowam, ezo wawalukuhlela kuzo amaSirayeli.
32. Ngaloo mihla ke uNdikhoyo wawaphungula amaSirayeli. UHazayeli wawongamela amaSirayeli kuwo wonke ummandla wawo,
33. kwimpuma yeJordan, nakuwo wonke umhlaba waseGiliyadi (ingingqi kaGadi, noRubhen, noManase), ukusuka eArohere kwingxingwa yeArnon, ukunqumla iGiliyadi, kuye eBhashan.