2 Yookumkani 1:6-15 Ibhayibhile (XHO96)

6. Baphendula ke bona bathi: “Sidibene nomfo othile, wathi masibuyele kuwe, kumkani, sikuxelele sithi: ‘UNdikhoyo uthi: Ngaba kungenxa yokuba kungekho Thixo kwaSirayeli, le nto uhamba uye kubuzisa kuBhali-zabhubhe isithixo sase-Ekron?’ Ewe, uthi: ‘Akusayi kuvuka kuloo mandlalo ulele kuwo; uza kufa.’ ”

7. Ukumkani wathi: “Yayingumfo oluhlobo luni na lowo nidibene naye waza wathetha loo mazwi kuni?”

8. Abathunywa bathi: “Ibingumfo onomnweba owenziwe ngesikhumba esinoboya, ebhinqe ngethwathwa esinqeni.”Ukumkani wathi: “NguEliya waseTishbhi lowo.”

9. Ngoko ke wathumela apho kuEliya igosa lomkhosi, likunye namadoda alo angamashumi amahlanu. Elo gosa ke laya kuEliya, ehleli encotsheni yenduli, lafika lathi kuye: “Mfo wakwaThixo, ukumkani uthi: ‘Yihla.’ ”

10. UEliya waphendula wathi kwelo gosa lomkhosi: “Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, ngamana kwehla umlilo ezulwini, ukutshise ndawonye nala madoda akho angamashumi amahlanu!” Kwehla umlilo ezulwini, walitshisa elo gosa ndawonye naloo madoda alo angamashumi amahlanu.

11. Kwesi sithuba ke ukumkani waphinda wathumela elinye igosa lomkhosi kwakuEliya, likwahamba namanye amashumi amahlanu amadoda. Elo gosa lafika lathi kuEliya: “Mfo wakwaThixo, ukumkani uthi: ‘Khawuleza uhle.’ ”

12. UEliya waphendula wathi: “Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, ngamana kwehla umlilo ezulwini, ukutshise ndawonye nala madoda akho angamashumi amahlanu!” Kwehla umlilo ezulwini, uvela kuThixo, walitshisa elo gosa ndawonye naloo madoda alo angamashumi amahlanu.

13. Kwakhona ukumkani wathumela elesithathu igosa lomkhosi, lihamba namadoda alo angamashumi amahlanu. Eli ke lona igosa lathi lakufika kuEliya laguqa phambi kwakhe, lambongoza lathi: “Mfo wakwaThixo, ndiyakubongoza, yiba nenceba uvelane nam ngenxa yobomi bam nobu bala madoda angamashumi amahlanu, ezi zicaka zakho.

14. Kaloku ngaphambili kuye kwehla umlilo ezulwini, wawatshisa amagosa amabini nabo bonke ababehamba nawo. Noko ke ngoku mabuxabiseke kuwe ubomi bam.”

15. Ke isithunywa sikaNdikhoyo sathetha noEliya sathi: “Musa ukoyika wena, hamba uhle nalo.” Ngoko ke uEliya wahamba nalo, wehla waya kukumkani.

2 Yookumkani 1