2. Ababingeleli zange babe saba nako ukungena apho endlwini kaNdikhoyo, kuba kaloku ubukhazikhazi bukaNdikhoyo babuyizalisile.
3. Xa ewonke ke amaSirayeli athe akuwubona umlilo usihla, kananjalo nobukhazikhazi bukaNdikhoyo buyigubungele indlu leyo, asuka ee guqaqa ejonge phantsi, enqula uNdikhoyo, embonga esithi:“Hayi ke bethu, ukulunga kwakhe!Izibele zakhe zimi ngonaphakade!”
4. Ke ukumkani ndawonye nabantu bonke benzela uNdikhoyo amadini.
5. Ukumkani uSolomon wenza idini ngeenkomo ezingamawaka angamashumi amabini anambini, kunye neegusha neebhokhwe ezilikhulu elinamashumi amabini amawaka. Ngaloo ndlela ke ukumkani kunye nabantu bonke bayivula beyinikela indlu kaThixo.
6. Ababingeleli kunye nabaLevi bema ngeendawo zabo, abaLevi bephethe izikhalisi zokudumisa uNdikhoyo, ezo ukumkani uDavide wayezenzele ukuba zikhaliswe xa bebulela besithi: “Izibele zakhe zimi ngonaphakade.” Ababingeleli babekhangelene nabaLevi, bona bekhalisa amaxilongo, amaSirayeli onke emi ngeenyawo.
7. USolomon wawungcwalisa umbindi wenkundla ephambi kwendlu kaNdikhoyo, waza khona apho wenza amadini atshiswayo, wanikela namanqatha angumnikelo wobudlelwane. Kaloku iqonga lobhedu awayelenzile lalingawalingene amadini atshiswayo, iminikelo yeenkozo, namadini enziwa ngamanqatha.