1. Ke kaloku uJosiya wenzela *uNdikhoyo itheko *lePasika eJerusalem, laza ke ixhwane lePasika laxhelwa ngomhla weshumi elinesine ngenyanga yokuqala.
2. Ababingeleli wabamisela kwimisebenzi yabo, wabakhuthaza emsebenzini wendlu kaNdikhoyo.
3. KubaLevi ababenikezelwe kuNdikhoyo befundisa uSirayeli wonke ephela wathi: “Yithatheni ityesi engcwele, niyifake endlwini awayakhela yona uSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli. Mayingahlali niyithwele ngamagxa. Ngoku khonzani uNdikhoyo uThixo wenu ngokunjalo namaSirayeli.
4. Zilungiseleleni ngokwemizi yenu nangokwezintlu, ngokwendlela nemigqaliselo eyabhalwa nguDavide ukumkani wakwaSirayeli kunye nonyana wakhe uSolomon.
5. “Yimani engcweleni nineqela labaLevi kuluhlu ngalunye lwemizi yamawenu, abantu ngokubanzi.
6. Xhelani amaxhwane ePasika, nizihlambulule, amawenu niwalungiselele amaxhwane, nenze loo nto wayiyalezayo uNdikhoyo ngoMosis.”
7. Abantu ababelapho uJosiya wabalungiselela amashumi amathathu amawaka eegusha neebhokhwe ezizezedini lePasika, kwakunye namawaka amathathu eenkomo – zonke ezo zinto ziphuma kukumkani ngokwakhe.
8. Nawo amaphakathi akhe enza izinwe akhuphela abantu nababingeleli nabaLevi. UHilekiya noZakariya noYehiyeli, abaphathi bendlu kaThixo, banika ababingeleli amakhulu angamashumi amabini anesithandathu amaxhwane ePasika kunye neenkomo ezimakhulu mathathu.
9. Kwakhona uKonaniya noShemaya noNataniyeli, abantakwabo, kunye noHashabhiya noYehiyeli noYozabhadi iinkokheli zabaLevi, bakhupha amawaka amahlanu amaxhwane ePasika, kunye namakhulu amahlanu eenkomo egameni labaLevi.