1. Ke kaloku uJosiya wenzela *uNdikhoyo itheko *lePasika eJerusalem, laza ke ixhwane lePasika laxhelwa ngomhla weshumi elinesine ngenyanga yokuqala.
2. Ababingeleli wabamisela kwimisebenzi yabo, wabakhuthaza emsebenzini wendlu kaNdikhoyo.
3. KubaLevi ababenikezelwe kuNdikhoyo befundisa uSirayeli wonke ephela wathi: “Yithatheni ityesi engcwele, niyifake endlwini awayakhela yona uSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli. Mayingahlali niyithwele ngamagxa. Ngoku khonzani uNdikhoyo uThixo wenu ngokunjalo namaSirayeli.
4. Zilungiseleleni ngokwemizi yenu nangokwezintlu, ngokwendlela nemigqaliselo eyabhalwa nguDavide ukumkani wakwaSirayeli kunye nonyana wakhe uSolomon.
5. “Yimani engcweleni nineqela labaLevi kuluhlu ngalunye lwemizi yamawenu, abantu ngokubanzi.