1. UJosiya waqalisa ukulawula eneminyaka esibhozo, waza walawula eJerusalem iminyaka emashumi mathathu ananye.
2. Ke yena wĂȘnza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, ehamba ekhondweni likayise-mkhulu uDavide, enganxaxhi.
3. Kunyaka wesibhozo elawula, nakuba wayeselula, waqalisa ukufunana noThixo kayise-mkhulu uDavide. Kunyaka weshumi elinesibini waqalisa ukuzitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo kwaJuda naseJerusalem, wazisusa neentsika zika-Ashera kunye nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo.
4. Wayalela ukuba achithwe namaqonga kaBhali, kunye nalawo eziqhumiso ayephezu kwawo; wazintlekeza iintsika zika-Ashera, kwanemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo. Ezi zinto wazikroboza waza wazisarhaza emangcwabeni abo babezinqula.
5. Amathambo ababingeleli baloo maqonga wawatshisela phezu kwawo; ngaloo ndlela ke wamhlambulula uJuda neJerusalem.
6. Kwiidolophu zakwaManase, kwaEfrayim, kwaSimon, de kuthi xhaxhe ngoNafetali, nakumabhodlo ajikelezileyo,
7. wawachitha amaqonga, wazisusa neentsika zika-Ashera, imifanekiso wayicola yangumgubo, onke amaqonga eziqhumiso wawadiliza kwaSirayeli ephela. Waza ke wabuyela eJerusalem.
8. Ngonyaka weshumi elinesibhozo elawula uJosiya, ekulihlambululeni kwakhe ilizwe elo kunye nendlu kaThixo, wathumela uShafan unyana ka-Azaliya noMaseya umlawuli-sixeko, kunye noJowa unyana kaYowahazi umgcini-manqaku, ukuze bahlaziye indlu kaNdikhoyo uThixo wakhe.
9. Baya kumbingeleli omkhulu uHilekiya, baza bamnika imali eyayiziswe endlwini kaThixo, eyayiqokelelwe ngabaLevi ababengabagcini-minyango, baza bayiqokelela kubantu bakwaManase, abakwaEfrayim, nakuwo onke amasalela kaSirayeli, nakubantu bakwaJuda nabakwaBhenjamin, ngokunjalo nakubemi baseJerusalem.