2 Yeziganeko 34:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. UJosiya waqalisa ukulawula eneminyaka esibhozo, waza walawula eJerusalem iminyaka emashumi mathathu ananye.

2. Ke yena wĂȘnza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, ehamba ekhondweni likayise-mkhulu uDavide, enganxaxhi.

3. Kunyaka wesibhozo elawula, nakuba wayeselula, waqalisa ukufunana noThixo kayise-mkhulu uDavide. Kunyaka weshumi elinesibini waqalisa ukuzitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo kwaJuda naseJerusalem, wazisusa neentsika zika-Ashera kunye nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo.

4. Wayalela ukuba achithwe namaqonga kaBhali, kunye nalawo eziqhumiso ayephezu kwawo; wazintlekeza iintsika zika-Ashera, kwanemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo. Ezi zinto wazikroboza waza wazisarhaza emangcwabeni abo babezinqula.

5. Amathambo ababingeleli baloo maqonga wawatshisela phezu kwawo; ngaloo ndlela ke wamhlambulula uJuda neJerusalem.

6. Kwiidolophu zakwaManase, kwaEfrayim, kwaSimon, de kuthi xhaxhe ngoNafetali, nakumabhodlo ajikelezileyo,

7. wawachitha amaqonga, wazisusa neentsika zika-Ashera, imifanekiso wayicola yangumgubo, onke amaqonga eziqhumiso wawadiliza kwaSirayeli ephela. Waza ke wabuyela eJerusalem.

8. Ngonyaka weshumi elinesibhozo elawula uJosiya, ekulihlambululeni kwakhe ilizwe elo kunye nendlu kaThixo, wathumela uShafan unyana ka-Azaliya noMaseya umlawuli-sixeko, kunye noJowa unyana kaYowahazi umgcini-manqaku, ukuze bahlaziye indlu kaNdikhoyo uThixo wakhe.

9. Baya kumbingeleli omkhulu uHilekiya, baza bamnika imali eyayiziswe endlwini kaThixo, eyayiqokelelwe ngabaLevi ababengabagcini-minyango, baza bayiqokelela kubantu bakwaManase, abakwaEfrayim, nakuwo onke amasalela kaSirayeli, nakubantu bakwaJuda nabakwaBhenjamin, ngokunjalo nakubemi baseJerusalem.

10. Bayigcinisa kubafo ababemiselwe ukuvelela umsebenzi wendlu kaNdikhoyo. Aba bafo ke bahlawula abasebenzi ababehlaziya indlu kaThixo.

11. Enye imali bayinika abachweli nabakhi ukuze bathenge amatye akroliweyo kunye nomthi wokuhlanganisa nowemiqadi ukuze kulungiswe ezo zakhiwo zayekwa zabhodloka ngookumkani bakwaJuda.

12. La madoda awenza ngentembeko loo msebenzi. Ayekhokelwa nguYahati no-Obhadiya, abaLevi abayinzala kaMerari, kunye noZakariya noMeshulam, inzala kaKohati. Aba baLevi bonke babeziingcungela ekudlaleni izikhalisi zengoma;

2 Yeziganeko 34