21. Ke kaloku uAmon wayeneminyaka emashumi mabini anesibini ezelwe ukuqala kwakhe ukulawula, waza ke waba ngukumkani iminyaka emibini eJerusalem.
22. KwanjengoManase uyise naye wĂȘnza okubi emehlweni *kaNdikhoyo. UAmon wayeyenzela amadini ayinqule yonke imifanekiso eyayenziwe nguyise uManase.
23. Yena zange azithobe phambi koNdikhoyo njengoko wenjenjalo uyise uManase; ndaweni yoko wasuka walandisa ityala lakhe.
24. Ke amaphakathi ka-Amon amenzela iyelenqe, ambulalela kwakhe ebhotwe.
25. Ke bona abantu belo zwe bababulala bonke abo babenzele ukumkani uAmon iyelenqe, baza babeka unyana wakhe uJosiya wangukumkani esikhundleni sakhe.