2 Yeziganeko 32:13-26 Ibhayibhile (XHO96)

13. “Ngaba anizazi na izinto ezenziwa ngoobawo kunye nam lo kubantu bonke bezinye izizwe? Baba nako yini na oothixo bezo zizwe ukuhlangula umhlobo wabo esandleni sam?

14. Kwizizwe ezatshatyalaliswa ngoobawo, nguwuphi koothixo bazo owaba nako ukuhlangula abantu bazo kum? Uza kunihlangula njani lo Thixo wenu esandleni sam?

15. Hayi bo! Musani ukumyeka uHezekiya anikhohlise anilahlekise kangaka. Musani ukukholwa yinto ayithethayo, kuba akukho thixo nakusiphi na isizwe nombuso oselekhe wanako ukuhlangula abantu esandleni sam, nakweso soobawo. Wobeka phi ke lo Thixo wenu ukungabi nako ukunihlangula esandleni sam?”

16. Aqhabalaka ke amagosa kaSenakeribhe ethetha ngokuchaseneyo noNdikhoyo uThixo nangesicaka sakhe uHezekiya.

17. Kananjalo ukumkani lowo wabhala neeleta ethuka enyelisa uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, esithi: “Kwanjengokuba oothixo bezinye izizwe bengabanga nako ukuhlangula abantu bazo esandleni sam, ngokunjalo ke nalo Thixo kaHezekiya akayi kubahlangula esandleni sam abantu bakhe.”

18. Baza ke bakhwaza bethetha isiHebhere bebhekisa kubantu baseJerusalem ababeseludongeni apho, beboyikisa bebagrogrisa ngenjongo yokuba boyike, ukuze ke basihlasele isixeko eso.

19. UThixo waseJerusalem bamnyelisa kanye ngaloo ndlela babebanyelisa ngayo oothixo bezinye izizwe, oothixo abenziwe ngezandla zabantu.

20. Ke kaloku ukumkani uHezekiya, ekunye *nomshumayeli uIsaya unyana ka-Amoze, lo mbandela bawubhekisa kuThixo ngomthandazo.

21. Ke uNdikhoyo wathumela isithunywa sakhe sawatshabalalisa onke amadoda omkhosi neenkokheli namaphakathi awayekumkhosi wokumkani waseAsiriya. Waza ke warhoxa wagoduka enyoshoza. Uthe ke esangene kwindlu yothixo wakhe, abanye koonyana bakhe basuka bambulala ngekrele.

22. Ngoko ke uNdikhoyo wamhlangula uHezekiya nabantu baseJerusalem esandleni sikaSenakeribhe ukumkani waseAsiriya, ngokunjalo nasesandleni sezinye izizwe. Bebonke wabakhusela macal' onke.

23. Baba baninzi abazisa iminikelo kuNdikhoyo eJerusalem, nezipho ezixabisekileyo kuHezekiya ukumkani wakwaJuda. Ukusukela ngoko ke waxatyiswa zizo zonke izizwe.

24. Ngelo thuba ke uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. Wathandaza *uNdikhoyo, owasuka wamphendula ngomqondiso omangalisayo.

25. Kambe ke uHezekiya wayethiwe lwale likratshi, akabusabela ububele abenzelweyo; ngoko ke ingqumbo kaNdikhoyo yaba phezu kwakhe ndawonye noJuda neJerusalem.

26. Ke kaloku uHezekiya nabantu baseJerusalem baguquka kwelo kratshi labo, yaza ke loo ngqumbo kaNdikhoyo ayaphinda ibe phezu kwabo ngemihla kaHezekiya.

2 Yeziganeko 32