13. Loo madoda ayongamele umsebenzi lowo ayekhuthele, waza ke umsebenzi wokuhlaziya waqhubela phambili phantsi kwawo. Indlu kaThixo baphinda bayakha, bayibuyisela kwimo yayo yantlandlolo bayixhasa.
14. Bakuyiphetha ke, imali eseleyo bayisa kukumkani noJoyada; kwaza ke ngayo kwenziwa izinto zokusetyenziswa endlwini kaNdikhoyo: izixhobo zokusebenza, ezamadini atshiswayo, imicephe, nezinye izinto zegolide nezesiliva. Ngethuba lobomi bukaJoyada amadini atshiswayo ayenikezelwa engaphezi endlwini kaNdikhoyo.
15. Ke uJoyada wayeseleneminyaka, ekhulile emdala, enekhulu elinamashumi amathathu eminyaka ukufa kwakhe.
16. Wangcwatywa phakathi kookumkani kwisixeko sikaDavide, kuba kaloku wayenze okulungileyo kuThixo nendlu yakhe kwaSirayeli.