2 Yeziganeko 21:12-20 Ibhayibhile (XHO96)

12. UYehoram wafumana ileta evela *kumshumayeli uEliya isithi: “UNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide uthi: ‘Wena akuhambanga ngeendlela zikayihlo uYoshafati okanye uAsa ukumkani wakwaJuda,

13. koko usuke wahamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli. UJuda nabantu baseJerusalem ubakhokelele kumkhwa wobuhenyu, njengoko yenzayo indlu ka-Ahabhi. Kananjalo ubabulele abantakwenu, usapho lwendlu kayihlo, amadoda ebengcono kunawe.

14. Ngoku ke uNdikhoyo uza kubetha kubantu bakho, oonyana bakho, abafazi bakho, nayo yonke into eyeyakho; ewe, uya kutsho ngesithonga esinzima.

15. Wena kanye uza kuhliwa luzenge-zenge lwesifo sezibilini; ewe, eso sifo siya kuzikhupha izibilini zakho.’ ”

16. Ke uNdikhoyo uYehoram wamxhokonxela amaFilistiya nama-Arabhu awayehlala ngakumaKushe.

17. Bamhlasela uJuda, batyhoboza, baza bazithatha zonke izinto ezixabisekileyo ezafumaneka ebhotwe, ndawonye nabafazi bakakumkani noonyana. Akusalanga namnye unyana ngaphandle kwephelo lakhe uAhaziya.

18. Kamva ke uNdikhoyo wabetha uYehoram ngesifo sezibilini esinganyangekiyo.

19. Ethubeni, ekupheleni konyaka wesibini, izibilini zakhe zaphuma ngenxa yeso sifo, waza wafela entlungwini emangalisayo. Abantu bakhe ke abazange bamzilele ngomlilo njengoko babenzile kooyise.

20. Ekungeneni kwakhe embusweni uYehoram wayeneminyaka emashumi mathathu anambini, waza ke walawula eJerusalem iminyaka esibhozo. Ekuswelekeni kwakhe akukho mntu waba buhlungu, waza ke wangcwatyelwa kwisixeko sikaDavide, kodwa ke kungekho kumangcwaba ookumkani.

2 Yeziganeko 21