2 Yeziganeko 17:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke uYoshafati unyana ka-Asa wangena esikhundleni sikayise, waza ke wawomeleza umkhosi wakhe ukuze angoyiswa nguSirayeli.

2. Wamisa umkhosi kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaJuda; wamisa amabutho kwaJuda nakwiidolophu zakwaEfrayim ezazithinjwe nguyise uAsa.

3. *UNdikhoyo ke waba naye uYoshafati kuba wayehamba ngeendlela uyise awayehamba ngazo kuqala. Wayengabuzisi kooBhali,

4. koko efunana noThixo kayise, ehamba ngemiyalelo yakhe yonke, engazilandeli izenzo zamaSirayeli.

5. UNdikhoyo wawuzinzisa phantsi kwakhe umbuso wakhe, waza wonke uJuda wazisa izipho kuye, waza ke wasisityebi, futhi wahlonelwa.

2 Yeziganeko 17