2. UAsa yena wênza okulungileyo emehlweni kaNdikhoyo uThixo wakhe.
3. Wazitshabalalisa iindawo eziphakamileyo zonqulo ndawonye namaqonga asemzini; wawacumza amatye anqulwayo, wazigawula iintsika zika-Ashera.
4. UJuda wamyalela ukuba alandele uNdikhoyo uThixo wooyise, ayithobele imithetho nemiyalelo yakhe.
5. Wazitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo namaqonga eziqhumiso kuzo zonke iidolophu zakwaJuda, laza ke ilizwe laxhamla inzolo ngexesha lakhe.
6. Ngelo thuba lenzolo ke wazihlaziya wazakha izixeko ezinqatyisiweyo zelakwaJuda. UNdikhoyo ke wamthi jize ngenzolo nokuphumla, akwabakho sizwe silwa naye ngaloo minyaka.
7. Wathetha noJuda wathi: “Masizomeleze ezi dolophu, sizibiyele zibe neenqaba namasango nemivalo. Lo mhlaba ngowethu, kuba simfunile uNdikhoyo uThixo wethu; ewe, simzondelele ukumfuna, waza ke wasinika ukuphumla macal' onke.” Ngoko ke bakha, baza banenkqubela.