6. Siyazicacisa ukuba sizizicaka zikaThixo ngobunyulu, ngamava, ngokuza kade komsindo, nangobubele; ngamandla kaMoya oyiNgcwele, nangothando olungazenzisiyo;
7. ngokushumayela inyaniso, nangamandla kaThixo. Isikrweqe sethu bubulungisa; ngaso siyahlasela, sihlanganise futhi.
8. Singabanesidima, singabalihlazo; siyathukwa, siyanconywa futhi. Siphathwa njengamaxoki, nakuba sithetha inyaniso;
9. ngathi asaziwa, ukanti saziwa ngabo bonke; ngathi sifile, kanti siphilile. Nangona sisohlwaywa, asibulawa noko;
10. nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke.
11. Zihlobo zaseKorinte, sithethe ngokucacileyo nani, sizityand' igila kuni.
12. Ngakwelethu icala asinifihlelanga nto, koko nini abasahleli eqokobheni.
13. Ngoku ke ndithetha njengoyise kubantwana: Nani linganisani mna, nizityand' igila kum!
14. Musani ukuzilinganisa nizifanise nabantu abangakholwayo, kuba àyenziwa loo nto. Ingádibana njani into elungileyo nengalunganga? Kungahlala njani ukukhanya ndawonye nobumnyama?
15. Unabudlelane buni uKrestu nomtyholi? Linabudlelane buni ikholwa nomntu ongakholwayo?
16. Inabudlelane buni na indlu kaThixo nezithixo zeentlanga? Kaloku thina siyindlu kaThixo ophilayo! Kutsho uThixo ngokwakhe ukuthi:“Ndiya kulenza kubantu bam ikhaya lam,ndihlale phakathi kwabo,ndibe nguThixo wabo,babe ngabantu bam ke bona.”