2 Kwabasekorinte 6:3-11 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ukuze umsebenzi wethu ungabekwa bala, siyaziphepha izinto ezinokukhubekisa nabani na.

4. Ewe, kuyo yonke imicimbi siyazicacisa ukuba sizizicaka zikaThixo, ngokunyamezela sisezinkathazweni – sisezimbandezelweni nasebunzimeni asityhafi:

5. noba siyabethwa, nditsho sesifakwa ezintolongweni, noba siphakathi kwezidubedube, nditsho sesisetyenziswa ngaphezu kwamandla ethu, naxa singalali okanye singatyi.

6. Siyazicacisa ukuba sizizicaka zikaThixo ngobunyulu, ngamava, ngokuza kade komsindo, nangobubele; ngamandla kaMoya oyiNgcwele, nangothando olungazenzisiyo;

7. ngokushumayela inyaniso, nangamandla kaThixo. Isikrweqe sethu bubulungisa; ngaso siyahlasela, sihlanganise futhi.

8. Singabanesidima, singabalihlazo; siyathukwa, siyanconywa futhi. Siphathwa njengamaxoki, nakuba sithetha inyaniso;

9. ngathi asaziwa, ukanti saziwa ngabo bonke; ngathi sifile, kanti siphilile. Nangona sisohlwaywa, asibulawa noko;

10. nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke.

11. Zihlobo zaseKorinte, sithethe ngokucacileyo nani, sizityand' igila kuni.

2 Kwabasekorinte 6