2 Kwabasekorinte 5:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Siyazi kaloku ukuba xa ithe yachithwa le ndlu yalapha emhlabeni, sinesakhiwo asilungiselele sona uThixo, esisezulwini, esiya kuhlala sihleli.

2. Kule meko siyancwina, silangazelela ukungena kweso sakhiwo sethu sisezulwini.

3. Ukuba singene kuso ke, asinakuyidinga indawo yokuhlala.

4. Okwangoku sisekule ndlu yasemhlabeni siyancwina, siziva sicinezelekile. Asikuko ke nokuba asisayifuni le ndlu yethu yasemhlabeni, koko kukuba silangazelela ukungena kweso sakhiwo sethu sisezulwini, ukuze oko kufayo kuginywe bubomi.

5. NguThixo ngokwakhe osilungiselela le nguqulelo; nguye osinike uMoya oyiNgcwele osisiqinisekiso sazo zonke izinto asilungiselele zona.

2 Kwabasekorinte 5