2 Kwabasekorinte 4:6-18 Ibhayibhile (XHO96)

6. UThixo owathi: “Makuvele ukukhanya ebumnyameni,” usekwanguye okhanyisela iingqondo zethu, etyhila ukwaziwa kobume bakhe obubonakala kuKrestu siqu.

7. Kambe ke obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze kucace ukuba amandla ancamisayo ngakaThixo, akangowethu.

8. Ke, sithi sisezimbandezelweni zingasixini noko; sithingaze maxa wambi, kodwa singancami;

9. singqingwe ziintshaba, kodwa asize singabi namhlobo; sintlithwa kanobom, singafi noko.

10. Lonke ixesha sisoloko sithwele ukufa kukaYesu, ukuze ubomi bakhe bubonakale kuthi ziqu.

11. Ewe, ngalo lonke ixesha sisoloko sisesichengeni sokufa ngenxa kaYesu, khon' ukuze ukudla kwakhe ubomi kubonakale ngathi bantu bafayo.

12. Ngoko ke, kuthi kusebenza ukufa, kodwa kuni kusebenza ubomi.

13. *IziBhalo zithi: “Ndathetha kuba ndandithembele kuThixo.” Nathi ke kwangaloo ndlela, sithetha kuba sithembele kuThixo.

14. Kaloku siyazi ukuba uThixo owayivusayo iNkosi uYesu ekufeni, nathi uya kusivusa kunye noYesu, asise apho akhoyo, kunye nani.

15. Ewe, zilungiselelwe nina zonke ezi zinto, ukuze kuthi njengoko bebaninzi abenzelwa isisa, ngokunjalo nemibulelo ibe mininzi, kudunyiswa uThixo.

16. Kungenxa yale nto ke singethi mandla nje. Kaloku imo yethu entsha isuka ihlaziyeke ngokuhlaziyeka, nokuba imo yethu endala yona iya isonakala ngokonakala.

17. Ewe, ezi mbandezelo zexeshana, zincinane zinjalo, zisilungiselela iwonga laphakade, elingenakulinganiswa nazo.

18. Ngoko ke asilangazeleli zinto zibonwayo, silangazelela ezingabonwayo. Kaloku ezibonwayo izinto zezexeshana nje, kanti ezingabonakaliyo ziya kuhlala zihleli.

2 Kwabasekorinte 4