2 Kwabasekorinte 2:5-9 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ukuba ke kukho bani ukhathaze omnye, loo mntu akakhathazanga mna ndedwa, ngenye indlela unikhathazile nani.

6. Isohlwayo uninzi lwenu eluvumelene ngaso sikwanele ukona kwakhe.

7. Ngoku ke kufuneka nimxolele, nimkhuthaze, ningamyeki ade atyhafe yintlungu akuyo, aze ancame.

8. Ndiyanibongoza, loo mntu mboniseni ukuba nimthanda ngenene.

9. Ndanibhalela laa leta kanye ngenxa yesi sizathu: ndandifuna ukunivavanya, ndiqonde ukuba niza kusithobela na isiyalo sam.

2 Kwabasekorinte 2