2 Kwabasekorinte 10:4-15 Ibhayibhile (XHO96)

4. Kaloku izixhobo esilwa ngazo ayizizo ezehlabathi, koko zizikrweqe ezomeleleyo zikaThixo. Ngazo ke sidiliza iinqaba. Ewe, sichitha iingxoxo ezilahlekisayo;

5. sidiliza ngazo yonke imiqobo yamabhongo achasa ukuba abantu bamazi uThixo; sithimba zonke iingcamango, sizenze zithobele uKrestu.

6. Xa nani ke seniyibonakalisile ngokupheleleyo neyenu intobeko, soba nako ke ukulungela ukohlwaya yonke inkcaso.

7. Izinto zijongeni njengokuba zinjalo. Ngaba ukho na apho phakathi kwenu ozimisele ukuba ungokaKrestu yena? Lowo ke makazikise ukucinga, kuba nathi singabakaKrestu kwanjengaye.

8. Kuba andinazintloni, nokuba lingade libe lithe kratya iqhayiya lam ngegunya esalinikwa yiNkosi. Ligunya lokunakha, asililo elokunidiliza.

9. Iileta zam sanukuzithatha ngokungathi ndizama ukunigrogrisa ngazo.

10. Kaloku abanye bathi: “Unesibindi nobuganga xa ebhala, kodwa asakufika yena buqu, ulitatasholo, nokuthetha kwakhe kuphuthile.”

11. Abo batshoyo mabaqonde le ndawo: ukufika kwam apho ndiya kwenza kwangale ndlela ndithetha ngayo xa ningekhoyo.

12. Ngenene, thina asingeze sazilinganisa nabo baziphakamisayo. Bazizityhakala! Bazilinganisa nabo ngokwabo, besebenzisa imigangatho abayimise kwangokwabo!

13. Okwethu ke ukuqhayisa kuphantsi kwemida ethile. Akudluli kwimida yokusebenza esiyimiselwe nguThixo, ebandakanya nokusebenza kwethu phakathi kwenu.

14. Njengoko ke nani nikwakuloo mida, andiyitsibanga ke ngokuza kuni ndiniphathele iindaba ezimnandi ezingoKrestu.

15. Ngoko ke andiqhayisi ngomsebenzi owenziwe ngabanye ngaphaya kwemida endiyimiselwe nguThixo. Ndaweni yaloo nto, ndinethemba lokuba lwakukhula ukholo lwenu, ndiya kuba nako ukwenza umsebenzi ongaphezulu phakathi kwenu, ndisoloko ndikwimida endiyimiselwe nguThixo.

2 Kwabasekorinte 10