7. Wavutha umsindo kaNdikhoyo ngaku-Uza ngenxa yeso senzo sakhe sokungahloniphi. Ke uThixo wambetha u-Uza wafela apho ngakuloo tyesi kaThixo.
8. Wakhathazeka uDavide, kuba umsindo kaNdikhoyo utyhobozele ku-Uza. Loo ndawo ke kuthiwa yiPereze-uza ukubizwa kwayo unanamhla.
9. Wangenwa kukumoyika uNdikhoyo ngaloo mini uDavide, wathi: “Yaz'ba ingeza njani na kum ityesi kaNdikhoyo?”
10. Akavumanga ke uDavide ukuba sayisa kwakhe kwisixeko sikaDavide ityesi kaNdikhoyo, suka wayijika wayisa endlwini kaObhedi-edom umGati.