2. Phambili phaya, ngokuya uSawule ebesengukumkani, amaSirayeli ayekhokelwa nguwe xa aya emfazweni. *UNdikhoyo wathi kuwe: ‘Wena uya kuba ngumalusi wabantu bam amaSirayeli, ube ngumlawuli wabo.’ ”
3. Aya kufika ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani uDavide eHebron, waza ukumkani wanqophisana nawo phaya eHebron phambi koNdikhoyo, aza ke amthambisa uDavide waba ngukumkani wamaSirayeli.
4. Ukuqala kwakhe ukulawula uDavide wayemashumi mathathu ubudala. Ulawule iminyaka engamashumi amane.
5. Waba minyaka isixhenxe neenyanga ezintandathu ephethe kwaJuda, ehlala eHebron. Waphatha kwaSirayeli nakwaJuda ehlala eJerusalem iminyaka engamashumi mathathu anantathu.
6. Ke kaloku ukumkani uDavide wanduluka nomkhosi wakhe ukuya kuhlasela amaJebhusi awayemi eJerusalem. AmaJebhusi athi kuDavide: “Akunakuze ungene apha wena! Kwaiimfama neziqhwala ezi zingakujika!” Kaloku ayesithi: “UDavide akangeke abe nako ukutyhoboza.”
7. Kambe ke uDavide wasuka wayithimba inqaba iZiyon, isixeko sikaDavide.
8. Wavakala esithi uDavide ngaloo mini: “Ukuba kukho umntu ozimisele ukuwoyisa la maJebhusi aziintshaba zam makanyuke ngalaa msele wamanzi ungaphantsi komhlaba, aye kubulala eziya ‘ziqhwala neemfama’!” (Savela apho isaci esithi: “Iimfama neziqhwala azinakungena endlwini kaNdikhoyo.”)
9. Waya kuhlala apho ke kuloo nqaba uDavide, waza wayibiza ngokuba sisixeko sikaDavide. Wakha isixeko sayijikeleza, esiza nganeno ukusukela kungqameko.
10. Waya esomelela ngokomelela, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo onamandla onke wayenaye.