21. Wabulala nesigantsontso somJiputa ophethe umkhonto. UBhenaya wamgqebha ngebhunguza, hlasi loo mkhonto, wamgwaza kwangawo loo mJiputa.
22. Zazinjalo ke izigigaba zikaBhenaya unyana kaJoyada; naye wayedume njengaloo magorha mathathu.
23. Wayebalasele phakathi kwaloo magorha angamashumi amathathu, kodwa wayengabandakanywanga kuloo magorha mathathu. UDavide wamenza inkokheli yabalindi bokumkani.
24. Kuloo magorha angamashumi amathathu kwakukho aba:YayinguAsayeli umntakwabo-Jowabhi,uEl-hanani unyana kaDodo waseBhetelehem,
25. uShama waseHarodi,uElikana waseHarodi,
26. uHeleze wasePeleti,kunye noIra unyana kaIkeshe waseTekowa.
27. Wayelapho uAbhiyezere waseAnatoti,noMebhunayi waseHusha,
28. uZalmon waseAhoyi,kwakunye noMaharayi waseNetofa,
29. uHelebhe unyana kaBhana waseNetofa,noItayi unyana kaRibhayi waseGibheya kwaBhenjamin.
30. Wayelapho uBhenaya wasePiraton,uHidayi wamaxandeka aseGahashe,