5. wathumela izigidimi kubo, wathi: “Wanga uNdikhoyo anganithamsanqela ngesenzo esihle sokubonakalisa intembeko ngokungcwaba inkosi yenu uSawule.
6. Ubenga uNdikhoyo anganiphatha ngobubele nangokunyaniseka. Nam ke ndiza kuniphatha kakuhle ngenxa yale nto niyenzileyo.
7. Ze niqine, ningoyiki ngenxa yokuba inkosi yenu uSawule ingasekho. Abantu bakwaJuda bandithambisile ndaba ngukumkani wabo.”
8. Umphathi wemikhosi kaSawule uAbhinere, unyana kaNere, wabaleka nonyana kaSawule uIshbhoshete, waya naye eMahanayim ngaphesheya kweJordan.
9. Wafika apho uAbhinere wamisela uIshbhoshete waba ngukumkani ophethe imimandla yaseGiliyadi, kwa-Ashere, eYizereli, kwaEfrayim, nakwaBhenjamin, nditsho elakwaSirayeli liphela.
10. Waba ngukumkani xa emashumi mane ubudala uIshbhoshete unyana kaSawule, walawula iminyaka yamibini.Isizwe sakwaJuda sona sasiphantsi kukaDavide.
11. Wasilawula ehlala eHebron iminyaka yaba sixhenxe neenyanga ezintandathu.