7. AmaSirayeli oyiswa ngumkhosi kaDavide. Abethwa kakubi, kwasala apho edabini amawaka angamashumi amabini.
8. Idabi layigqiba yonke loo ndawo, uninzi lwafela ehlathini, lwangaphezulu kwabo babefele edabini.
9. UAbhasalom wagaxeleka phakathi kweqela lamadoda kaDavide. Wayekhwele embongolweni. Kuthe xa ithubeleza ngaphantsi kom-oki omkhulu, wabambeka ngentloko kuloo masebe omthi. Yabaleka yemka imbongolo, wasala yena ejinga emoyeni.
10. Wabonwa ngumfo othile owaxelela uJowabhi wathi: “UAbhasalom ndimbone ejinga emthini wom-oki.”
11. Uthe uJowabhi kuloo ndoda: “Xa umbonileyo kutheni ukuze ungambulali kwangoko nje? Mna bendiya kukuhlawula ngeshumi leesiliva, ndikuthi jize ngomxhaka ngaphezu koko.”
12. Loo mfo uphendule uJowabhi ngelithi: “Nokuba ubungade undihlawule iwaka leesiliva, bendingasoze ndimse sandla mna unyana kakumkani wam. Kaloku simve ngezethu iindlebe ukumkani ngokuya ebekuyala wena noAbhishayi noItayi esithi: ‘Nokuba ngubani na azayikhusele laa ntwana uAbhasalom.’
13. Ukuba bendenze ubugwenxa ndambulala uAbhasalom, ubeza kuyiva loo nto ukumkani, yaye akukho nto ifihlakeleyo kuye, ube wena ungayi kundithethelela.”
14. UJowabhi wathi: “Hayi, andizi kudla xesha apha ngawe.” Uthathe iintshuntshe zantathu, wamgwaza ngazo entliziyweni uAbhasalom esaphila, ejinga kuloo mthi wom-oki.
15. Emva koko kwafika ishumi lamadoda omkhosi kaJowabhi, amjikeleza uAbhasalom, amhlaba amgqibezela.
16. Uthe uJowabhi makuvuthelwe isigodlo, iphele imfazwe, abuye amadoda awayesukela amaSirayeli.
17. Awuthatha umzimba ka-Abhasalom, awuphosa emngxunyeni omkhulu owawulapho ehlathini, awugqumelela ngemfumba enkulu yamatye. Abaleka onke amaSirayeli, yayileyo indoda yajonga kowayo.
18. Esaphila uAbhasalom wayezenzele ilitye lesikhumbuzo kwiNtili kaKumkani, kuba wayesithi: “Andinanyana oza kuvusa igama lam.” Walithiya ngegama lakhe. Unanamhla oku kusathiwa lilitye lesikhumbuzo lika-Abhasalom ukubizwa kwalo.
19. Emva koko uAhimazi, unyana kaZadoki, wathi kuJowabhi: “Mandikhawuleze ndise kukumkani iindaba zovuyo zokuba *uNdikhoyo umgwebele wamkhulula kwiintshaba zakhe.”
20. UJowabhi wathi kuye: “Hayi, akukho zindaba zovuyo uya kuzisa kukumkani namhlanje. Loo nto uya kuyenza ngenye imini. Kaloku unyana kakumkani ufile.”
21. Waza ke uJowabhi wathi kumfo waseKushe: “Yiya kuxelela ukumkani oko ukubonileyo.” Wakhahlela umKushe, wangena endleleni.
22. UAhimazi unyana kaZadoki waphinda wathi kuJowabhi: “Kungehla okuhlayo, ndiyeke ndingene endleleni emva kwaloo mKushe.”“Kutheni wafuna ukuya ngokwakho kukumkani? Akukho mvuzo aza kukunika wona phofu,” utshilo uJowabhi.
23. “Ndithe kuwe kungehla okuhlayo, ndifuna ukuhamba,” utshilo uAhimazi.Ke uJowabhi wathi: “Thatha khona!” Wasuka ke uAhimazi wangena endleleni, waya kuthi gubhu kulaa ntili yeJordan, wamshiya endleleni umKushe lowo.