2 Kasamweli 17:23-26 Ibhayibhile (XHO96)

23. Uthe akubona uAhitofele ukuba iqhinga lakhe alisiwanga so, suka wakhwela idonki yakowabo, wagoduka esinga kweyakubo idolophu. Uthe nje ukuba agqibe ukulungisa imicimbi yakhe, waya wazixhoma wafa. Ungcwatyelwe apho kumangcwaba ooyise-mkhulu.

24. Wayeselefikile uDavide kwidolophu yaseMahanayim, ngexesha yena uAbhasalom namaSirayeli onke awayenaye bawela iJordan.

25. UAbhasalom wenza uAmasa injengele yomkhosi esikhundleni sikaJowabhi. UAmasa wayengunyana kaYetere umSirayeli, ezalwa nguAbhigeli intombi kaNahashe, engudade boZeruya unina kaJowabhi.

26. UAbhasalom namaSirayeli bazimisa iintente zabo kummandla waseGiliyadi.

2 Kasamweli 17