33. UDavide wathi kuye: “Akukho nto uya kundinceda ngayo xa uhamba kunye nam.
34. Kanti ke xa ubuyela kwasesixekweni uya kundinceda uphanzise amacebo ka-Ahitofele, ufike uthi kuAbhasalom: ‘Ndisisicaka sakho, mhlekazi kumkani! Bendifudula ndisisicaka sikayihlo, kodwa ngoku ndisisicaka sakho.’
35. UZadoki noAbhiyatare ababingeleli uya kufika bekho nako; uze uyixele kubo yonke intshukumo yakomkhulu.
36. Bakho nabo ooAhimazi unyana kaZadoki noJonatan unyana ka-Abhiyatare; wondazisa ngako konke okuvileyo komkhulu.”
37. Wenjenjeya uHushayi, umhlobo kaDavide, ukuya esixekweni, waya kufika kanye xa uAbhasalom angenayo eJerusalem.