1. Emva koko wafa ukumkani wama-Amon, kwaza ke esikhundleni sakhe kwalawula uHanun unyana wakhe.
2. Ke uDavide wathi: “Mandimenzele ububele uHanum unyana kaNahashe njengoko wandenzelayo ububele uyise.” Wathuma izigidimi ke uDavide ukuba ziye kukhuza ukumkani uHanum ngenxa kayise.Athe ke loo madoda kaDavide akufika kwelama-Amon
3. izikhulu zama-Amon zathi kuHanun inkosi yazo: “Ucinga ukuba ngaba uDavide lo unika imbeko kuyihlo ngokuthumela la madoda kuwe, esithi eze kukukhuza? Ayikho loo nto! La madoda ngoongcothoza; athunywe nguDavide ukuza kuhlola esi sixeko ukuze akwazi ukusibhukuqa.”