2 Kasamweli 1:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akuba uSawule efile, uDavide wabuyela eZikelage emva kokoyisa kwakhe ama-Amaleki, wachitha khona iintsuku zambini.

2. Ngolwesithathu usuku kwafika mfo uthile, evela kwikampu yomkhosi kaSawule. Wayambethe iingubo ezikrazukileyo, ezigalele umhlaba entloko. Wathi akufika kuDavide, wawa phantsi ekhahlela.

3. UDavide wathi kuye: “Uvela phi?”Uphendule ngelithi: “Ndibaleke ekampini yamaSirayeli.”

4. UDavide wathi: “Kwenzeke ntoni? Khawundixelele.”“Umkhosi wethu usuke wabaleka,” utshilo ukuphendula, “yaye maninzi amadoda awileyo edabini. Nditsho nkqu uSawule noJonatan unyana wakhe nabo itshoba lilele umbethe.”

5. Wathi uDavide kuloo mfana wayemzisela ezi ndaba: “Wazi ngantoni ukuba uSawule nonyana wakhe uJonatan bafile?”

6. Umfana lowo waphendula wathi: “Kwathi ndilapho entabeni iGilibhowa ndabona ukuba uSawule wayexhathise ngomkhonto, seleza kufunyanwa ziinqwelo nabakhweli-mahashe abamsukelayo.

7. Wathi akukhangela ngasemva wandibona, wandibiza, nam ke ndasabela ndathi: ‘Ndikwenzele ntoni?’

8. Wathi kum: ‘Ungubani?’ Ndathi kuye: ‘NdingumAmaleki.’

9. Uthe kum ke: ‘Sondela undigqibezele. Ubomi bam sebungamacimi-cimi, kodwa andikaphelelwa.’

2 Kasamweli 1