2 Kapetros 3:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Zihlobo zam, yeyesibini le ngoku incwadi endinibhalela yona. Kuzo zombini ezi ncwadi bendizama ukuvuselela iingcinga ezintle ezingqondweni zenu.

2. Bendinikhumbuza izinto ezathethwa *ngabashumayeli abangcwele mandulo, kwanemiyalelo yeNkosi noMsindisi enayixelelwayo *ngabathunywa.

3. Mayisicacele into yokuba imihla yokugqibela iza nabantu abangoodelihlazo nabagxeki.

4. Baza kunenza intlekisa besithi: “Wayethe uya kubuya eze. Úphi kaloku ngoku? Oobawo sebafa, yaye into yonke isenjengoko yayinjalo kwasekusekweni kwehlabathi!”

5. Bakhetha ukuyilibala abo bantu into yokuba amazulu la ayekho kakade kwasekuqaleni, nokuba ihlabathi eli ladalwa ngamanzi ngelizwi likaThixo.

6. Yaye latshatyalaliswa kwangamanzi; nditsho amanzi kanogumbe.

7. Kanti ke kwaesi sibhakabhaka sikhoyo nehlabathi zigcinwe kwalelo lizwi likaThixo. Zilinde umhla ekuya kugwetywa ngawo ngomlilo kutshatyalaliswe abantu abangamkhathalelanga uThixo.

8. Ze nikhumbule le ndawo ke, zihlobo zam: umhla omnye kuThixo uyafana newaka leminyaka, newaka leminyaka lifana nomhla omnye.

9. Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.

10. Ke yona iMini yeNkosi iya kufika njengesela ingalindelekanga. Ngaloo mini amazulu aya kutsho ngenzwinini yengxolo, aze ke wona aphel' emehlweni. Ngokunjalo neziseko zawo ziya kutshiswa ngumlilo ziphele. Wona umhlaba nako konke okukuwo kuya kusala kuze; uya kunyamalala.

11. Xa ke eli phakade liza kutshabalala kanje, ngaba kufuneka nithini nina? Kufuneka nizinikele ngokupheleleyo, niphile ubomi obunyulu.

2 Kapetros 3