6. Iidolophu zaseSodom naseGomora uThixo wazigweba wazitshabalalisa; ewe, wazitshisa zaluthuthu, khon' ukuze zibe ngumzekelo kumaxesha azayo, kwabo bangamthobeliyo uThixo.
9. Kodwa ke iNkosi iyabahlangula ezilingweni abantu abayithobelayo. Ke bona abangayithobeliyo ibagcinele ukubohlwaya ngomhla womgwebo;
10. ngakumbi ke abo baqweqwediswa ziinkanuko zokungcola, bedela noomagunya.Aba bafundisi ngoodelihlazo abakhukhumeleyo; abanambeko, futhi bayazingcikiva nezithwala-ndwe zaphezulu.
11. Kanti ke nezithunywa zezulu nakuba zingaphezulu nje kubo ngamandla namagunya, azibenyelisi xa zibamangalela eNkosini.
12. Aba bantu bafana nezilwanyana zasendle, zona zizalwa zibe ngoomabonwabulawe. Bayazenyelisa izinto abangaziqondiyo. Nabo baya kutshabalala njengezilwanyana.
13. Ewe, isikhuni siya kubuya nomkhwezeli. Ngakwicala leziyolo namanyala bangooncanyelweni. Bayawaxabhela amatheko enu ngokuhlala nani nitye kunye. Kaloku abasenakuzinceda ngobundlobongela nenkohliso.
14. Basoloko becel' amehlo kubafazi abangenazimo. Amehlo abo asoloko elambele ukona. Bayabathiyela bababambise abantu abangaqondiyo. Ukunyoluka ngumkhwa abawaziyo; kambe ke baphantsi kwesiqalekiso!
15. Bayilahlile eyona ndlela, baza bahola. Bona bahamba ngendlela kaBhalam unyana kaBhehore owakhetha ukona, khon' ukuze azuze imali;
16. nto leyo yenza ukuba akhalinyelwe. Ewe, kaloku idonki yathetha ngelizwi lomntu ukugxotha ububhanxa baloo mshumayeli.
17. Aba bafundisi bafana nemithombo engampompozi manzi; bafana namafu aqhutywa luqhwithela. Indawo abalungiselelwe yona sisithokothoko senzonzobila.
18. Banamabhongo, futhi bathetha amazwi aphuthileyo, baze bathi ngemikhuba yabo yokuzibhubhisa beyelisele abantu abangekaphuncuki kakuhle kwiindlela ezigwenxa.
19. Babathembisa inkululeko, kodwa bona ngokwabo basabopheleleke kwimikhwa yokuzibhubhisa. Kaloku umntu uba likhoboka layo nayiphi na into angalumlekiyo kuyo.
20. Ukuba abantu bathe ngokwazana neNkosi yethu uYesu Krestu baphuncuka kwizidyobho zehlabathi, baze baphinde babuyele kwakuzo zibakhoboze, isiphelo sabo sibi kunesiqalo.
21. Ngekubhetele ukuba babengayazanga eyona ndlela, kunokuba bathi sebeyifumene bajike, bawulahle umyalelo kaThixo ababewunikiwe.