1. KwaSirayeli babekho *abashumayeli abaxokayo; ngokunjalo ke naphakathi kwenu baza kubakho abafundisa ubuxoki. Bona baza kunyebelezisa iimfundiso ezidala intshabalalo. Baya kuphika nkqu neNkosi le ibasindisileyo, baze ngokwenjenjalo bazibizele intshabalalo ekhawulezileyo.
2. Baninzi abaya kubalandela kwezo ndlela zabo zokungcola. Yona indlela eyinyaniso baya kuyingcikiva.
3. Ngenxa yokunyoluka kwabo aba bafundisi baya kuniqhatha, khon' ukuze banixhaphaze, bafumane inzuzo. Kodwa ke sona isigwebo abasimisélwa kwantlandlolo sijinga phezu kwabo; umtshabalalisi akalali, ulinde bona.
4. Izithunywa ezathi zôna uThixo akazange abe natarhu kuzo, koko wazithatha waziqamangela ngamatyathanga, waziphosa esithokothokweni sesihogo; apho zihleli khona ngoku, zilinde umhla womgwebo.
5. UThixo akazange alisindise ihlabathi lamandulo, koko wabatshabalalisa ngonogumbe abo bantu bangakhathalele Thixo. Abantu abasindayo nguNowa, umshumayeli wobulungisa, kunye nabanye abasixhenxe.