Ngenxa yokunyoluka kwabo aba bafundisi baya kuniqhatha, khon' ukuze banixhaphaze, bafumane inzuzo. Kodwa ke sona isigwebo abasimisélwa kwantlandlolo sijinga phezu kwabo; umtshabalalisi akalali, ulinde bona.