10. Umgangatho owayame eludongeni wawuziimitha ezimbini ezinesiqingatha ukuphakama unxityelelaniswe nendlu ngemiqadi yomsedare.
11. Ke kaloku lafika ilizwi likaNdikhoyo kuSolomon lisithi:
12. “Ngokusingisele kule ndlu uyakhayo, ukuba uthe wahamba ngemimiselo yam, wawenza amasiko am, wayigcina yonke imithetho yam wahamba ngayo, ndosifezekisa ngawe isithembiso endasenza kuyihlo uDavide.
13. Ndiya kuhlala phakathi kwamaSirayeli, ndaye ke andisoze ndibashiye abantu bam amaSirayeli.”
14. Ke uSolomon wayakha wayigqiba indlu kaThixo.
15. Ngaphakathi iindonga zale ndlu wazambathisa ngamaplanga omsedare ukusuka phantsi emgangathweni kuye kuthi xhaxhe ngesilingi, waza phantsi phaya wandlala amaplanga ompayini.
16. Entla phaya apha endlwini wenza igumbi eliphakathi ekuthiwa yingcwele kangcwele. Laliziimitha ezilithoba ubude, lakhiwe ngamaplanga omsedare asuka emgangathweni athi xhaxhe ngesilingi phezulu.
17. Igumbi eliphambi kweli ke laliziimitha ezilishumi elinesibhozo ubude.
18. Uwonke umphakathi wendlu le yayingumsedare ukroliwe wahonjiswa ngethangazana neentyatyambo. Yayingumsedare nje ngaphakathi, ungekhe ulibone ilitye lodonga.
19. Ke kaloku igumbi eliyingcwele eliya lingaphakathi kule ndlu walilungiselela ukuze kulo kuhlale ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo.
20. Eli gumbi liphakathi ke lona laliziimitha ezilithoba ubude, ububanzi, nokuphakama. Umphakathi walo ke wawutyatyekwe ngegolide ecwengileyo; ukanti lona iqonga lalambathiswe ngomsedare.
21. Umphakathi wale ndlu uSolomon wawutyabeka ngegolide ecwengileyo, waza watsala amatyathanga egolide anqumleza phambi kwelaa gumbi liphakathi, nalo ke elalityatyekwe ngegolide.
22. Umphakathi wonke wawutyatyekwe kwangegolide; kananjalo neqonga elikwigumbi eliyingcwele likwatyatyekwe ngegolide.
23. Phaya kwigumbi eliyingcwele wenza *izithunywa ezimaphiko zazibini, ezenza ngomthi womnquma. Ukuphakama kwaso ngasinye kwakuziimitha ezine ezineesentimitha ezimashumi mane.