28. Zozibini ke ezi zithunywa wazityabeka ngegolide.
29. Iindonga zegumbi elikhulu nezegumbi eliphakathi zazihonjiswe ngemifanekiso ekroliweyo yezithunywa ezimaphiko, amasundu, kwaneentyatyambo.
30. Umgangatho wala magumbi wawambathisa ngegolide.
31. Emnyango wegumbi eliyingcwele kwakukho ungcango-mbini owenziwe ngamaplanga omnquma, umgubasi wona wenziwe wangunxa-ntlanu.
32. Iingcango zazihonjiswe ngemifanekiso ekroliweyo yezithunywa ezimaphiko, namasundu neentyatyambo. Iingcango nemihombiso yazo zazambathiswe ngegolide egudisiweyo.
33. Umgubasi womnyango wegumbi elikhulu wawakhiwe buxande, wenziwe ngomthi womnquma.
34. Kananjalo wenzelwa iingcango ezimbini zompayini ezisongwayo ngehinjisi.
35. Zazihonjiswe ngemifanekiso ekroliweyo yezithunywa ezimaphiko neyamasundu neentyatyambo, yaza yonke loo nto yambathiswa ngegolide egudisiweyo.
36. Inkundla yangaphakathi wayakha yazizintlu ezintathu zamatye aqingqiweyo alandelwa luluhlu lwamaplanga omsedare ochweliweyo.
37. Ke sona isiseko sale ndlu kaNdikhoyo sabekwa ngenyanga uZivi kunyaka wesine wolawulo lukakumkani uSolomon.
38. Ke kaloku kwathi ngonyaka wakhe weshumi elinanye, kwinyanga yesibhozo uBhuli, yagqitywa ukwakhiwa indlu kaThixo – ncincililii! Ewe, yakhiwa ngokwezicwangciso ezazimisiwe. Loo msebenzi wokuyakha ke wathatha iminyaka esixhenxe.