1 Yookumkani 6:18-38 Ibhayibhile (XHO96)

18. Uwonke umphakathi wendlu le yayingumsedare ukroliwe wahonjiswa ngethangazana neentyatyambo. Yayingumsedare nje ngaphakathi, ungekhe ulibone ilitye lodonga.

19. Ke kaloku igumbi eliyingcwele eliya lingaphakathi kule ndlu walilungiselela ukuze kulo kuhlale ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo.

20. Eli gumbi liphakathi ke lona laliziimitha ezilithoba ubude, ububanzi, nokuphakama. Umphakathi walo ke wawutyatyekwe ngegolide ecwengileyo; ukanti lona iqonga lalambathiswe ngomsedare.

21. Umphakathi wale ndlu uSolomon wawutyabeka ngegolide ecwengileyo, waza watsala amatyathanga egolide anqumleza phambi kwelaa gumbi liphakathi, nalo ke elalityatyekwe ngegolide.

22. Umphakathi wonke wawutyatyekwe kwangegolide; kananjalo neqonga elikwigumbi eliyingcwele likwatyatyekwe ngegolide.

23. Phaya kwigumbi eliyingcwele wenza *izithunywa ezimaphiko zazibini, ezenza ngomthi womnquma. Ukuphakama kwaso ngasinye kwakuziimitha ezine ezineesentimitha ezimashumi mane.

24-25. Zozibini ezi zithunywa zazilingana zifana, ngasinye ke sinamaphiko amabini, phiko elo laliziimitha ezimbini ezineesentimitha ezimashumi mabini ubude. Ngoko ke umgama wokusuka kwincam yephiko ukuya kwincam yelinye wawuziimitha ezine ezineesentimitha ezimashumi mane.

26. Ukuphakama kwesithunywa ngasinye bekuziimitha ezintlanu.

27. Zozibini ke ezi zithunywa zazimi zilungelelene apho kwigumbi eliphakathi. Amabini kuloo maphiko azo athe naa ayerhecana esazulwini segumbi elo, aze amanye la mabini arhece iindonga.

28. Zozibini ke ezi zithunywa wazityabeka ngegolide.

29. Iindonga zegumbi elikhulu nezegumbi eliphakathi zazihonjiswe ngemifanekiso ekroliweyo yezithunywa ezimaphiko, amasundu, kwaneentyatyambo.

30. Umgangatho wala magumbi wawambathisa ngegolide.

31. Emnyango wegumbi eliyingcwele kwakukho ungcango-mbini owenziwe ngamaplanga omnquma, umgubasi wona wenziwe wangunxa-ntlanu.

32. Iingcango zazihonjiswe ngemifanekiso ekroliweyo yezithunywa ezimaphiko, namasundu neentyatyambo. Iingcango nemihombiso yazo zazambathiswe ngegolide egudisiweyo.

33. Umgubasi womnyango wegumbi elikhulu wawakhiwe buxande, wenziwe ngomthi womnquma.

34. Kananjalo wenzelwa iingcango ezimbini zompayini ezisongwayo ngehinjisi.

35. Zazihonjiswe ngemifanekiso ekroliweyo yezithunywa ezimaphiko neyamasundu neentyatyambo, yaza yonke loo nto yambathiswa ngegolide egudisiweyo.

36. Inkundla yangaphakathi wayakha yazizintlu ezintathu zamatye aqingqiweyo alandelwa luluhlu lwamaplanga omsedare ochweliweyo.

37. Ke sona isiseko sale ndlu kaNdikhoyo sabekwa ngenyanga uZivi kunyaka wesine wolawulo lukakumkani uSolomon.

38. Ke kaloku kwathi ngonyaka wakhe weshumi elinanye, kwinyanga yesibhozo uBhuli, yagqitywa ukwakhiwa indlu kaThixo – ncincililii! Ewe, yakhiwa ngokwezicwangciso ezazimisiwe. Loo msebenzi wokuyakha ke wathatha iminyaka esixhenxe.

1 Yookumkani 6