11. Ke yena uSolomon waxhasa uHiram ngokutya minyaka le: amashumi amabini eetoni zengqolowa, nesine samakhulu amawaka eelitha zamafutha omnquma acwengileyo.
12. Ngokwesithembiso sakhe ke uNdikhoyo uSolomon wamthi jize ngobulumko. Kwabakho uxolo phakathi koHiram noSolomon, baza ke benza umnqophiso.
13. Ukumkani uSolomon wavelisa umsebenzi wonyanzelo kuSirayeli ephela, waza ke wagaya amadoda angamashumi amathathu amawaka.
14. Wawafaka abolekisana ukuya eLebhanon, ngenyanga nganye kuye ishumi lamawaka. Ngoko ke ayeba semsebenzini inyanga yonke, aze ahlale zibe mbini ekhaya. Ingqwayi-ngqwayi yabo basebenzi ke yayinguAdoniram.
15. USolomon wayenamashumi asixhenxe amawaka amadoda okuthwala imithwalo, enamashumi asibhozo amawaka abaqingqi bamatye phaya ezintabeni.
16. Kanti ke wayenamashumi amathathu anantathu amakhulu eenduna ezazivelele loo msebenzi, ziphethe abasebenzi.
17. Ukumkani wabayalela ukuba bembe amatye omeleleyo, bawaqingqe, ukuze ngawo kwenziwe isiseko sendlu kaThixo.
18. Iingcibi zikaSolomon noHiram namadoda aseGebhali zawalungisa zawaqingqa amatye nemithi yokwakha indlu kaThixo.