1 Yookumkani 3:15-17 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ke kaloku uSolomon wavuka, waqonda ukuba kuthe kanti liphupha. Wabuyela eJerusalem, wema phambi kwetyesi yomnqophiso kaNdikhoyo, waza wenza amadini atshiswayo ngokunjalo nawobudlelwane. Kamva ke wazenzela umbhiyozo zonke izinxiba-mxhaka zakhe.

16. Ke kaloku abafazi ababini abangamahenyukazi beza kuma phambi kokumkani,

17. omnye wabo wathi: “Mhlekazi, mna nalo mfazi sihlala ndlwini-nye. Ngoku ke mna ndiye ndabeleka ndafumana umntwana, ngoko silala sobabini.

1 Yookumkani 3