Ke kaloku uSolomon wavuka, waqonda ukuba kuthe kanti liphupha. Wabuyela eJerusalem, wema phambi kwetyesi yomnqophiso kaNdikhoyo, waza wenza amadini atshiswayo ngokunjalo nawobudlelwane. Kamva ke wazenzela umbhiyozo zonke izinxiba-mxhaka zakhe.