1 Yookumkani 3:12-22 Ibhayibhile (XHO96)

12. ke mna ke ndiza kukunika ngokwesicelo sakho. Ewe, ndiza kukupha intliziyo enobulumko nengqiqo ukuze ube yimbalasane kubo bonke abantu, kungaze kubekho mntu ufana nawe kwabaphile ngaphambi kwakho nabaya kulandela emva kwakho.

13. Ngaphezulu ke ndiza kukunika nezo zinto ungazicelanga – ubutyebi nesihomo – ukuze ebomini bakho bonke ungabi nantanga kubo bonke ookumkani.

14. Ukuba ke uthe wahamba ngeendlela zam, wayithobela imimiselo nemithetho yam njengoDavide uyihlo, ndokuthi jize ngobomi obude.”

15. Ke kaloku uSolomon wavuka, waqonda ukuba kuthe kanti liphupha. Wabuyela eJerusalem, wema phambi kwetyesi yomnqophiso kaNdikhoyo, waza wenza amadini atshiswayo ngokunjalo nawobudlelwane. Kamva ke wazenzela umbhiyozo zonke izinxiba-mxhaka zakhe.

16. Ke kaloku abafazi ababini abangamahenyukazi beza kuma phambi kokumkani,

17. omnye wabo wathi: “Mhlekazi, mna nalo mfazi sihlala ndlwini-nye. Ngoku ke mna ndiye ndabeleka ndafumana umntwana, ngoko silala sobabini.

18. Ngosuku lwesithathu ndibelekile nalo mfazi ubeleke owakhe umntwana. Ke kaloku ke besisobabini apho endlwini, kungekho mntu wumbi.

19. Ngabusuku buthile lo mfazi wamfuthanisela wafa unyana wakhe.

20. Kwakuba njalo ke uvukile wachwechwa ezinzulwini zobusuku, weza kûba unyana wam ecaleni lam, mna ke sicakazana sakho ndilele thwii. Suka ke wathatha lo nyana wakhe ungasekhoyo wambeka esifubeni sam, lo wam wamncancisa kuye.

21. Ndithe ke ndakuvuka ngentsasa elandelayo, ndizama ukuncancisa usana lwam, lwaye lungasekho! Kuthe ke kwakukhanya ndamqwalasela, ndafumanisa ukuba lo asinguye unyana wam endimzeleyo.”

22. Omnye lo ke umfazi wathi: “Hayi bo! Lo mntwana uphilayo ngowam; owakho ngulo ufileyo.”Lo wokuqala ke umfazi wathi: “Unotshe! Owakho ngulo ufileyo; ngowam lo uphilayo!” Yaba yiloo mpikiswano ke apho phambi kokumkani.

1 Yookumkani 3