Ke kaloku uSolomon walamana nokumkani waseJiputa ngokuthatha intombi yakhe. Ke yona yeza kuhlala naye kwisixeko sikaDavide lada lagqitywa ukwakhiwa ibhotwe lakhe, ngokunjalo nendlu *kaNdikhoyo kunye nodonga olujikeleze iJerusalem.