18. “Hamba uhlangabeze ukumkani wakwaSirayeli uAhabhi olawula eSamariya. Nanko esidiliyeni sikaNabhoti, eso asithathileyo.
19. Thetha naye, uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ubulele na, wathatha na?” ’ Uze uthi ke kuye: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Kuloo ndawo zilixhaphele kuyo izinja igazi likaNabhoti, zolixhaphela kwakuyo nelakho igazi. Ewe, elakho kanye!” ’ ”
20. UAhabhi wathi kuEliya: “Uyawandifumene, lutshabandini lwam?”UEliya wathi: “Ewe, ndikufumene. Kaloku wena uzincamele ukwenza amanyondololo phambi koNdikhoyo.
21. Ngoko ke uNdikhoyo uthi: ‘Ndiza kukuzisela ububi. Ndiza kuyitshitshisa inzala yakho, kwa-Ahabhi ndiyinqamle yonke into eliduna, okhululekileyo nolikhoboka kwaSirayeli.
22. Indlu yakho ndoyifanisa nendlu kaJerobhowam unyana kaNebhati, ifane naleyo kaBhayesha unyana ka-Ahiya, kuba kaloku wena uwuxhokonxile umsindo wam, noSirayeli wamlukuhlela esonweni.’
23. “Malunga noJezebhele uNdikhoyo uthi: ‘UJezebhele uya kuqwengwa zizinja ngakudonga lwaseYizereli.’
24. “Abakwa-Ahabhi abafela ezixekweni baya kudliwa zizinja, ukanti abafela emaphandleni booxhwithwa ziintaka.”(
25. Akuzange kubekho mntu unjengoAhabhi, umfo ozincamele ekwenzeni amanyondololo ephenjelelwa ngumkakhe uJezebhele, engamkhathalele nganto uNdikhoyo.