1 Yookumkani 20:30-37 Ibhayibhile (XHO96)

30. Athi ke aseleyo abalekela kwisixeko iAfeki. Khona apho ke adilikelwa ludonga lwesixeko. Ayengamadoda angamashumi amabini anesixhenxe amawaka.Naye uBhenadadi wabalekela esixekweni, wazimela kwigumbi elingaphakathi.

31. Amaphakathi akhe athi kuye: “Kuthiwa ookumkani bendlu kaSirayeli banovelwano. Masiye kuye, sibhinqe ezirwexayo, iintloko sizithandele ngamagqesha, mhlawumbi anganenceba akusindise.”

32. Ngenene ke babhinqa ezirhwexayo, bazithandela ngamagqesha entloko, baza baya kukumkani wakwaSirayeli, bafika bathi: “Isicaka sakho uBhenadadi sithi: ‘Nceda, sewusindisa nje oku kobomi bam.’ ”Ukumkani wathi: “Ngaba usaphila? Hayi, ngumntakwethu lowo!”

33. Loo madoda ke aphawula ukuba loo mpendulo ibonakalisa ubuhlobo, aza akhawuleza athi: “Ewe, umntakwenu uBhenadadi!”Ukumkani ke wathi: “Hambani nize naye!”Weza ke uBhenadadi, waza uAhabhi wamkhwelisa enqwelweni yakhe.

34. UBhenadadi wathi: “Ndiza kuzibuyisa izixeko ezathathwa ngubawo kuyihlo. Ngaphezu koko ungazenzela izitalato zokuthengisela phaya eDamasko nanjengokuba wazenzayo ubawo eSamariya.”UAhabhi wathi kuye: “Ndiza kukukhulula phantsi komqathango womnqophiso.” Ngoko ke benza isivumelwano, waza ke wamkhulula.

35. Ngomlomo *kaNdikhoyo omnye *wabashumayeli wathetha neqabane lakhe, wathi: “Khawundigwaze!” Kambe ke akavumanga ugxa wakhe lowo.

36. Umshumayeli lowo ke wathi: “Njengokuba ke ungamthobelanga nje uNdikhoyo, sakwahlukana uya kuhlaselwa yingonyama ikubulale.” Ngenene ke bakuba bahlukene kwathi gqi ingonyama, yambulala loo mfo.

37. Umshumayeli lowo wadibana nomnye umfo, waza wathi kuye: “Khawundigwaze.” Wamgwaza ke wamlimaza.

1 Yookumkani 20