20. Yaba ngulowo nalowo wageqa lowo ajongene naye. Hayi ke, kwathi bhazalala ama-Aram ebaleka. Aye wona amaSirayeli ewasukela. Ke yena uBhenadadi ukumkani wama-Aram wasaba ekhwele ihashe, wemka neqela lababakhweli-mahashe.
21. Waphuma ke ukumkani wakwaSirayeli, wabahlasela abamahashe nabeenqwelo, wawabetha ee waca ama-Aram.
22. Wafika umshumayeli lowa, wathetha nokumkani wakwaSirayeli, wathi: “Buyani nizihlaziye, nicwangcise ngenyameko, nihlale nomelele, kuba ukumkani wama-Aram lo uza kubuya aphinde anihlasele entlakohlaza.”
23. Kanti ke amaphakathi okumkani wama-Aram wona amcebisa athi: “Kaloku oothixo bamaSirayeli ngoothixo abahlala ezintabeni; yiyo le nto esongamele kangaka nje! Ukuba sinokulwa nawo emathafeni akuthandabuzeki ukuba singawoyisa.