1 Yookumkani 20:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uBhenadadi ukumkani wama-Aram wawuqokelela wonke umkhosi wakhe. Wayencediswa ngookumkani abamashumi mathathu anambini, benamahashe neenqwelo zabo, wayingqinga iSamariya wayihlasela.

2. Wathumela abathunywa apho esixekweni kukumkani uAhabhi wakwaSirayeli, esithi: “Mna Bhenadadi ndithi:

3. ‘Loo siliva naloo golide yakho yeyam ngoku; nezona nzwakazi zabafazi ngabam, ngokunjalo nabantwana.’ ”

4. Waphendula ke ukumkani wakwaSirayeli esithi: “Kanye njengoko sewutshilo, mhlekazi kumkani; xa sisonke nje singabákho, nako konke esinako.”

5. Zabuza kwakhona izithunywa ezo zisithi: “UBhenadadi uthi: ‘Bendithumele ndifuna isiliva negolide nabafazi bakho nabantwana.

6. Kodwa ngomso malunga neli xesha ndothumela amagosa am aligqogqe ibhotwe lakho kunye nezindlu zamaphakathi akho. Aya kubutha yonke into oyixabisileyo, emke nayo.’ ”

7. Ke ukumkani wakwaSirayeli wawabiza onke amadoda amakhulu elizwe lakhe, wathi: “Niyambona lo mfo; uzingelana nenkathazo! Ngokuya ebethumele efuna isiliva negolide, abafazi nabantwana bam, khange ndale.”

8. Aphendula ke amadoda amakhulu nabantu xa bebonke bathi: “Hayi suka, sukuyiphulaphula le nkewu le; nezo zinto izifunayo sukuvuma nazo!”

1 Yookumkani 20