Uze ungamlibali uShimeyi unyana kaGera, umBhenjamin waseBhawurim, lowa wandishwabulela endiqalekisa kabuhlungu mhla ndandisiya eMahanayim. Wathi akuhla endihlangabeza eJordan, ndafunga uNdikhoyo ndathi andisayi kumbulala ngekrele.